Rosetta : i-Portal yokutolika ifayile ze-PO Iqembu le Portal ye Rosetta liyavuya ukukhupha isaziso sokuba i-Portal isikulungele ukusetyenziswa kabanzi. Inqaku le Rosetta kukwenza umsebenzi wokutolika i-Software ekhululekileyo kubanakekeli nabatoliki ubelula ngayona ndlela ingenziwa. Abanakekeli bangasithumelela ifayile ze-PO, zizaku shicilelwa kwi internet ukuze zitolikwe. Ifayile ze-PO ziyatholaka ngalo lonke ixesha kwi-Internet. I-Rosetta yingxenye ye Lauchpad ye Ubuntu e : https://launchpad.ubuntu.com Nitolike Kamnandi ! = Izinto ze-Rosetta ongazisebenzisa = Zikhona izinto ezimbalwa ezingasetyenziswa ngabantu abasebenzisa i-Rosetta kunye nabantu abanomdla kwi Rosetta. i-list ye posi yokuthethisana nge-Rosetta ikhona: http://lists.ubuntu.com/mailman/listinfo/rosetta-users Enye indawo yokuthethisana yi #rosetta i-channel ese Freenode IRC network (irc.freenode.net) = Uqala njani ukusebenzisa i-Rosetta = Xa ufuna ukutolika nge Rosetta, kufanele ubhalise i-account kwi-website ye ubuntulinux.org : http://www.ubuntulinux.org/join_form Okulandelayo, fumana into ofuna ukuyitolika. Xa kunento ofuna ukuyitolika ongayifumani kwi-Rosetta, ungakhululeka usibuze kwi list yeposi okanye i-channel y IRC, sizakuzama ukukufakela yona. Xa uyifumene into ofuna ukuyitolika, qala utolike. Iqembu le Rosetta liyavuya ukuphendula yonke imibuzo ongaba nayo. = Impazamo kwi Rosetta = Nangona i-Rosetta isetyenziselwa ukutolika namhlanje nje, kulindelekile ukuba abantu abayisebenzisayo bafumane impazamo kuyo. Sizakuzama ukulungisa impazamo ngokuphangisa xa zifunyanwa, kodwa siyethemba ukuba abantu bayayazi into yokuba yinto entsha le. Okwangoku, indelela efanelekileyo yokusazisa ngeempazamo kwi Rosetta kukuthumela umlayezo kwi list yeposi. Izimvo nge Rosetta zamkelekile. = Acknowledgments = Sithand' ukubonga bonke abantu abathe bazama i-Rosetta, baze basithumela iimpazamo phambi kokuba siyikhuphe. CategoryArchive